Luloyiko olukhulu kuye namphi na umfundi owenza matric – Ndizothini ukuba andithathwanga ndawo? Ndizothini ukuba kulo nyaka uzayo bonke abahlobo bam base Univesithi, mna ndishiyekela ngasemva?

Ungaxhalabi, sizoqinisekisa ukuba loonto ayenzeki kuwe. Masikubonise ukuba njani.

Beka Ii-Univesithi Ngokwamaqela

Kufanele u applye Kwi Dyunivesithi ngokwamaqela amathathu:

  1. Ngokomnqweno: Kulapho ufuna ufikelela kwi nkwenkwezi, ufaka isicelo kwi-Univesithi ekunzima kakhulu ukuba ungene kuzo. Kubafundi abaninzi base Mzantsi Africa, ezi-Univesithi ibazi UCT kunye ne WITS, okanye nezinye Univesithi zaphesheya.
  2. Ezifikelelekayo: Ezi ngamathuba wakho okhuselekileyo kuwo- ezi ucinga ungangena kuzo. Iimfuno zabo kufanele ukuba zibengaphantsi kancinci kwezase UCT kunye ne WITS, ukwenzela ukuba ubenamathuba amaninzi wokungena khona.
  3. Ukubuyela kundalashe: Ezi zezi ufaka isicelo kuzo ukulungiselela xa amanqaku wakho engaphantsi kwanga ubuwalindele. Ezi kufanele ibezii -Univesithi ezona ezinemfuno zokungena eziphantsi.

Ukukhetha izifundo

I-Uunivesithi ezininzi zikuvumela ukuba ukhetha kabini izinto ofuna uzifunda. Abantu abaninzi bacinga ukuba eyona nto ingcono onokuyenza kukufaka isicelo kwizinto ezinje nge Actuarial Science, Izifundo zobugqirha

Ungayenzi lento. Ndiyaphinda. Ungayenzi lento.

Eyona njongo yakho kukungena e- Univesithi. Ukungena nje kwakho e-Univesithi kwaye wenze kakuhle, kulula kakhulu ukutshintsha izifundo.

Loonto ithetha ukuba xa ufaka isicelo, kufanele ukuba ukhetho lwakho lokuqala ibesesona sifundo sineemfuno eziphantsi (ngamaxesha amaninzi iba yi Bachelor of Social Sciences okanye I- Bachelor of Science)

Ngale ndlela ungakwazi ukuqiniseka ukuba uzongena e- Univesithi, kwaye ungakwazi utshintsha isicelo sakho emva kokuba ufumene amanqaku aphezulu.

Kuhle, kodwa ingaba ndiyenza kanjani lento??

Nasi isikhokelo sokuba zeziphi I-Univesithi ezingena phantsi kwawaphi amaqela. Sebenzisa yona ukukhetha ukuba ufaka isicelo sakho phi.

Ekunzima kakhulu ukungena kuzo

UCT

WITS

Sefako Makgato Health Sciences University

Faka isicelo sakho noba kukwi- Univesithi enye apha

Kunzima ukungena kuzo

Rhodes University

University of Pretoria

University of Johannesburg

Stellenbosch University

Nelson Mandela University

University of KwaZulu Natal

Faka isicelo kwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha

Kunzima kancinci ungena kuzo

University of the Western Cape

University of Mpumalanga

University of Fort Hare

University of the North West

CPUT *

University of Limpopo *

*Qaphela ukuba le Univesithi inazo zombini degree kunye nee diploma, kengoku ukuba uxhalabile ukuba ungangakwazi upasa nge Bachelor, kufanele ukuba ucinge ukufaka isicelo kwi diplomas apha kwakunye needegree kwezinye ii-Univesithi.

Faka isicelo noba kukwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha.

TVETs

Kubalulekile ukuba ufake isicelo sakho noba kukwi TVET enye, ukulungiselela ukuba awukwazanga upasa nge Bachelor.

Ezinye I TVETs onocinga ukufaka isicelo sakho zezi:

College of Cape Town

False Bay College

Central Johannesburg TVET College

Ekurhuleni West TVET College

Okanye bona uluhlu kwe TVET Colleges e Mzantsi Afrika ukufumana ITVET ekufuphi kunawe.

Faka isicelo sakho noba kukwi TVET enye.

Ummm, ininzi lento….

Siyayazi. Kodwa ungayisebenzisa le PDF ukwenza zonke izicelo zakho.

Yigcine okanye uyiprinte, kwaye wongeze I-Univesithi nezifundo ofuna ufaka izicelo kuzo. Ngalo ndlela ungakwazi uqinisekisa ukuba ufake izicelo kuzo zonke ozinqwenelayo, onofikelela kuzo nezo onowela kuzo.

Sikunqwenelela Ithamsanqa! Siyayazi Unako.

 

Share This Story, Choose Your Platform!

About the author : Dacod Magagula

Co-founder, CEO - FoondaMate