Luloyiko olukhulu kuye namphi na umfundi owenza matric – Ndizothini ukuba andithathwanga ndawo? Ndizothini ukuba kulo nyaka uzayo bonke abahlobo bam base Univesithi, mna ndishiyekela ngasemva?
Ungaxhalabi, sizoqinisekisa ukuba loonto ayenzeki kuwe. Masikubonise ukuba njani.
Kufanele u applye Kwi Dyunivesithi ngokwamaqela amathathu:
I-Uunivesithi ezininzi zikuvumela ukuba ukhetha kabini izinto ofuna uzifunda. Abantu abaninzi bacinga ukuba eyona nto ingcono onokuyenza kukufaka isicelo kwizinto ezinje nge Actuarial Science, Izifundo zobugqirha
Ungayenzi lento. Ndiyaphinda. Ungayenzi lento.
Eyona njongo yakho kukungena e- Univesithi. Ukungena nje kwakho e-Univesithi kwaye wenze kakuhle, kulula kakhulu ukutshintsha izifundo.
Loonto ithetha ukuba xa ufaka isicelo, kufanele ukuba ukhetho lwakho lokuqala ibesesona sifundo sineemfuno eziphantsi (ngamaxesha amaninzi iba yi Bachelor of Social Sciences okanye I- Bachelor of Science)
Ngale ndlela ungakwazi ukuqiniseka ukuba uzongena e- Univesithi, kwaye ungakwazi utshintsha isicelo sakho emva kokuba ufumene amanqaku aphezulu.
Nasi isikhokelo sokuba zeziphi I-Univesithi ezingena phantsi kwawaphi amaqela. Sebenzisa yona ukukhetha ukuba ufaka isicelo sakho phi.
Sefako Makgato Health Sciences University
Faka isicelo sakho noba kukwi- Univesithi enye apha
Faka isicelo kwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha
University of the Western Cape
CPUT *
*Qaphela ukuba le Univesithi inazo zombini degree kunye nee diploma, kengoku ukuba uxhalabile ukuba ungangakwazi upasa nge Bachelor, kufanele ukuba ucinge ukufaka isicelo kwi diplomas apha kwakunye needegree kwezinye ii-Univesithi.
Faka isicelo noba kukwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha.
Kubalulekile ukuba ufake isicelo sakho noba kukwi TVET enye, ukulungiselela ukuba awukwazanga upasa nge Bachelor.
Ezinye I TVETs onocinga ukufaka isicelo sakho zezi:
Central Johannesburg TVET College
Okanye bona uluhlu kwe TVET Colleges e Mzantsi Afrika ukufumana ITVET ekufuphi kunawe.
Faka isicelo sakho noba kukwi TVET enye.
Siyayazi. Kodwa ungayisebenzisa le PDF ukwenza zonke izicelo zakho.
Yigcine okanye uyiprinte, kwaye wongeze I-Univesithi nezifundo ofuna ufaka izicelo kuzo. Ngalo ndlela ungakwazi uqinisekisa ukuba ufake izicelo kuzo zonke ozinqwenelayo, onofikelela kuzo nezo onowela kuzo.
Sikunqwenelela Ithamsanqa! Siyayazi Unako.